Ngo Mvulo 14 ka Januwari 2013, Inkundla Yamatyala Ephakamileyo yaseNtshonalanga Kapa izikhabile iinzame zoMphathiswa wamaPolisa uNathi Mthethwa neNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS) zokumisa Iqela Eliphandayo lika O’Regan ekuqhubekekeni nomsebenzi walo. Isigqibo senziwe neendleko, oku kuthetha ukuba iSAPS kufuneka ibhatele iindleko zomthetho zabamangalelwa.
Zozibini izigwebo zeNkundlka, esesininzi nesobuncinane zingqinela amalungelo abantu abahlala nabasebenza eKhayelitsha besoyika ubundlobongela nolwaphulo-mthetho olugqithiseleyo. Isigwebo seNkundla ePhakamileyo sikwangqinela nomsebenzi ka Social Justice Coalition (SJC), Treatment Action Campaign (TAC), Equal Education (EE), Triangle Project (TP) ne Ndifuna Ukwazi (NU) kwisithuba seminyaka elishumi.
Iqela eliphandayo livumelekile ukuqhubeka nophando nemihlangano yalo de kuviwe icala lesibini letyala likaMphathiswa uMthethwa. INkundla kuyakufuneka ive obunye ubungqina obusuka kwi SAPS nakwimbutho yethu ukuze yenze isigwebo esigqibeleleyo.
UMphathiswa uMthethwa neSAPS basafunda isigwebo ukuze bagqibe ukuba bazakubhenelela isigwebo kwaye banexesha eliphela nge 28 Januwari ukwenza oko. Imibutho yethu ibongoza iSAPS ukuba isamkele isigwebo seNkundla kwaye isebenzisane neqela eliphandayo. Ngokufanayo, sibongoza uMphathiswa uMthethwa ukuba angaqhubekeki nesigaba sesibini selityala sokubeka iqela eliphandayo bucala ngoba akubonakali ngathi amapolisa angaliphumelela. Oku kuzakuphinda kulibazise umsebenzi weqela eliphandayo kwaye kumoshe enye imali eninzi kwiindleko zomthetho.
Sikwafuna ukuba uMphathiswa afumane imvume yeKhabhinethi ukuze iSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko kunye nenkonzo yezoLuleko isebenze neqela eliphandayo.
Sikwabongoza iNkulumbuso uHelen Zille noSodolophu uPatricia de Lille ukuba baqinisekise ukusebenzisana okugqibeleleyo kwesiXeko saseKapa nawo onke amanye amasebe ephondo neqela eliphandayo.
Sifuna icebo lokwenza iKhayelitsha ikhuseleke – ukuqinisekisa ukuba inesebe lobupolisa elisebenzayo kunye nomgaqo wenkundla notshutshiso owohlwaya izaphuli-mthetho uzise ubulungisa. Ngokufunda kulomsebbenzi weliqela urhulumente angasebenza nazo zonge iindawo ukwenza uMzantsi Afrika ukhuseleke kumntu wonke ohlala esizweni sethu.
Imibutho yethu ikholisekile yimiphumela yelityala kwaye iqela eliphandayo ngoku livumelekile ngokusemthethweni ukuba liqhubekeke. Kodwa, lo ngumba obekungafanelanga ukuba ufikelele enkundleni. Isigqibo esithathwe ngamapolisa ngoNovemba sokuphikisa ukuba semthethweni kweqela eliphandayo kuxabise umrholi-rhafu izigidi zeerandi. Ikwalibazise nomsebenzi weqela eliphandayo. IKhayelitsha iyaqhubekeka ukuba namazinga akumgangatho omkhulu kakhulu olwaphulo-mthetho nobundlobongela kwaye namapolisa alapha nomgaqo wobulungisa wolwaphulo-mthetho ushiyeka usindeka kwaye ungenazixhobo. Ukulityaziswa kwenkqubo ezama ukulungisa ezizimo kuyingxaki enkulu kwaye kuyakhathaza – ingakumbi unobangela wokulityaziswa ingurhulumente buqu.
[IYAPHELA]
Ukuba unemibuzo nceda uqhagamshelane no:
Axolile Notywala
(mobile) 0742895220
(twitter) xila_notywala
Phumeza Mlungwana
(mobile) 0744178306
INQAKU NGESIGWEBO
Isigwebo sesininzi sika Justice James Yekiso siyavuma ukuba umsebenzi weqela eliphandayo mawujonge “ukutyholwa kokungasebenzi ngendlela komqago wobupolisa eKhayelitsha ekunqandeni, ekulweni, nasekuphandeni ulwaphulo-mthetho, ukuthatha iintetho, ukuvula amatyala nokubamba izaphuli-mthetho”.Uvumile ukuba uSJC, TAC, EE, TP no NU bakhalazele “ukungasebenzi ngendlela okubanzi, ukungakhathali, ukungalungeli umsebenzi nokungasebenzi kemigaqo yamapolisa esoloko ibonwa ngabahlali baseKhayelitsha”. Isekela lika Mongameli oyiJaji uJeannette Traverso uvumelene no Justice Yekiso baze basikhaba isicelo sikaMphathiswa uMthethwa ne SAPS sihamba neendleko.
UJustice Vincent Saldanha ubhale isigwebo sobuncinane esiphikisayo ebesizakunyanzelisa lamaqela ukuba azame ukufikelela kwisivumelwano phambi kwe 31 Januwari 2013. Uveze ukuba yena nabalingane bakhe “baxhalabe kakhulu yindlela embi abahlali baseKhayelitsha abaphila kuyo, namazinga aphezulu olwaphulo-mthetho, indlala nokungalingani”. uJustice Saldanha ucaphule iphepha elinye elinecala le affidavit ka SJC ebhalwe nguMandla Majola encitshiswe ngoluhlobo:
Lo mba awuyelelenanga kwimpixano yobupolitiki evele phakathi kwenkulumbuso nommangali wokuqala (“uMpathiswa”). Ekugqibeleni, elityala liveza amaqondo anxunguphalisayo olwaphulo-mthetho afunyanwa ngabahlali baseKhayelitsha mihla le….
USJC uxela ukuba elityala maliqale ngokujonga umsebenzi karhulumente wokuhlonipha, akhusele, anyusele afezekise, kwamanye, amalungelo obomi, isidima, inkululeko nokhuseleko lomntu, ukulingana, imfihlo neemfuno zabantwana. Ubuncinane bezaphuli-mthetho budandathekisa abantu abahlala nabasebenza eKhayelitsha busuku nemini, kodwa sikholelwa ukuba elityala malithathele ingqalelo namalungelo akumgaqo-siseko abo babanjiweyo, baselugcinweni nabantu abathyolwayo.
Nangona mna namanye amangqina kaSJC sisoloko sigxeka Abamangali, singathanda ukuba sikhethe ukusebenzisana nabo, kunye namanye amaqela, ekulungiseni iimeko zabantu abahlala ematyotyombeni aseKhayelitsha aboyika ukuya kwizindlu zangasese ebusuku okanye abahlali abangakwaziyo ukumelana nokuhlala bekhuthuzwa okanye bedlwengulwa bengafumani macebiso okanye inkxaso yamaziko athile.
UJustice Saldanha uyavuma ukuba imibutho yethu ibikhankasa “isithuba seminyaka elishumi ikhankasela isimo esinyukayo nesingathembisiyo kwizenzo zolwaphulo-mthetho nokungohlwaywa kwingingqi yaseKhayelitsha”. Ufumanise ukuba iindibano zabahlali baseKhayelitsha noMphathiswa uMthethwa noMkhomishinala uArno Lamoer nemibutho khange ibe namiphumela”. Kusenjalo, ukholelwa ukuba iNkulumbuso nemibutho yethu ngeyibhale enye ileta eya kuMkhomishinala wamaPolisa uGeneral Mangwashi Phiyega.
Ngosizi, uJustice Saldanha akayivumi into yokuba imibutho yethu ayiphelelanga nje ekusebenzisaneni neTask Team ye SAPS yaze yanika uMkhomishinal ixesha elongezelelweyo. Akayinaki inyani yokuba sibhale iileta ezimbini simema yena ukuze adibane nathi kunye nabahlali kodwa zange akwazi nokuvuma ukuba uzifumene iileta zethu.
UJustice Saldanha ebezakuyalela uMphathiswa, iSAPS kunye neNkulumbuso ukuba bathetha-thethane ngesigqibo kwiiveki ezimbini. UJustice Saldanha uthe:
Ekujongeni iindima ezinje kungalungela wonke ubani kwaye ngokubalulekileyo abahlali baseKhayelitsha ikakhulu amaxhoba olwaphulo-mthetho ukuba kubekho intsebenziswano enkulu phakathi kwalamacandelo mabini karhulumente kwaye basebenze ngokomgaqo-siseko.
UJustice Saldanha ubekwanalo nethemba lokuba uSJC, TAC, EE, Triangle Project ne NU bayakusebenzisana nawo onke amacandelo karhulumente esitsho ukuba “okubaluleke kakhulu kungabikho kulemibutho emosha ukuzimela kwayo ekwenzeni oko”.
UJustice Yekiso (evumelana noMongameli oyiJaji) bafumanise ukuba iNkulumbuso yenze ngokusemthethweni kwaye ngokwamandla ayo akumgaqo-siseko ekuqaliseni iQela Eliphanda iSAPS eKhayelitsha nge 22 ka Agasti 2012.
Ekujongeni kobungqina … Andifumanisi ukuba kukho ityala lokuba iNkulumbuso, ekuqaliseni iQela eliphandayo ngendlela enze ngayo, ixhaphaze nalinye lemiqathango ehambelana nokusebenzisana koorhulumente njengoba kubekiwe kwicandelo 41 loMgaqo-Siseko; okokuba iNkulumbuso iwaqonde kakubi amandla ayo asuka kwimimiselo yecandelo 206(5)(a) loMgaqo-Siseko; okanye okokuba kwelixesha phambi kokuqaliswa kweQela eliphandayo nangexesha aqalise iQela eliphandayo, iNkulumbuso ixhaphaze nalinye lemiqathango ejongene noburhulumente bolawulo lukawonke-wonke njengoba kubekwe kwicandelo 195 loMgaqo-Siseko . Ngoko ke kulandela ukuba ukumiswa kwethutyana okubekwa ngummangali, njengoba kuthathwe kuMgaqo-Siseko, akuphumeleli.